isiXhosa

Imiqathango

  1.  Imali yokwenza umbongo ngama – R30.00
    1.  Umngeneli makathabathe inxaxheba kube kanye kwiqela ngalinye
    1. Abangeneli besikolo esinye okanye isitudiyo esinye bayakhuthazwa bangakhethi isiqwenga esifanayo.  Ukuba bakhetha esifanayo mabasivelele kwinkalo ezahlukeneyo.
    1. Nceda uthumele ikopi yesiqwenga ibhalwe ngomatshini (ukuba unendlela).  Yiba nesihloko negama lombhali.  Abezilinganiso, ubaliso mabali, intetho yasesidlangalaleni kuny nemidlalo elingiweyo ngabaniniyo abachaphazeleki.  Bona bayakuchaza nje isihloko.
    1. Isiqwenga sifunde usazi ngentloko kuba unfundo ephepheni aluvemelekanga.
    1. Abangeneli mabaqaphele ixesha.
    1. Isinxibo sesikolo nempahla yemidlalo ivumelekile ngaphandle kokuba unikwe eminye imiyalelo.
    1. Akuvumelekanga naphantsi kwayiphina imeko ukutetha nomchongi.  Imibuzo ingabhekiswa kumnxibelelananisi okanye isekelamchongi.
  • Abathabathi-nxaxheba naya kujongwa kwimiba eliqela:

IMIBA NGOKUBANZI

  • Ukuzilungiselela, ukumilisela ingqondo nombano

UKETHO LWEZINTO ZOKUSEBENZA

  • Khetha isiqwenga esifanelekileyo, osilandelayo nesinomdla kuwe.

UKUCACISA

  • Bonakalisa ukuba unolwazi nombono, kwaye uyawulandela umsebenzi lowo.

UNXIBELELWANO

  • Unxibelelwano mayibe lolwemveli ibe loluchukumisayo
  • Sebenzisa Amandla akho ngendlela eyiyo.
  • Ukuqiniseka nokuthetha ngokuthe gca
  • Ukutshintshatshintsha kwelizwi nesingqi.
  • Okuhambelana nomxholo.
  • Unxibelelwano nentsebenziswano nabaye abaseqeleni.
  1.  Abaqeqeshi nabafuni bayakhuthazwa akuba basebenzise elithuba ukufunda kwabanye.  Bayacelwa kanjalo bazole de kugqitywe kwicandelo elo, ngaphandle kokuba balindeleke kwenye indawo kwangoko.

YONWABANI !!!

UMHOBE WOMTU NGAMNYE

  • Khetha umhobe nakuyiphina incwadi eshicelelweyo.  Nceda ugqithise icwecwe kumchongi.

IPROZI YOMNTU NGAMNOYE

  • Khetha isicatshulwa nakuyiphina incwadi eshicelelweyo.  Ingasisincoko okanye ibali elifutsshane.
  • Isicatshulwa esi masifundwe zesithethwe singabi ngomdlalo.
  • Nceda ugqithise ikopi kumchongi.

UKUBALISWA KWEBALI NGUMTU OMNYE

  • Balisa ibali ngamazwi akho ngendlela yeakuthi ibe nomdla.  Lingawynyani okanye uliqambe. 
  • Ukusetyenziwa kwemfinaekisongqondweni, izibongo, ilizwi, ingoma, ezinye ilwimi nomculo ongabheke phi kuvumelekile.
  • Icwecwe alifuneki nganto

UKUTHETHA ESIDLANGALALENI OKULUNGISELELWEYO

  • Khetha isihloko, ulungise intetho ongayinika ngaso kweimeko ezukileyo okanye ezolileyo.
  • Uvumelekile ukuba imiba ephambili uyibhale.
  • (Akufuneki sicengcelezo)
  • Tsala umdla wababukeli, ubenze bathyileke basho izinto bazibone ngeliso elitsha.
  • Akufneki cwecwe.

                UMDLALWANA OWENZIWA NGUMTU OMNYE

  • Khetha isiqwengana nakuwuphina umdlalo oshicelelweyo uwudlale ngokunga useqongeni okanye kumabonakude.
  • Uvumelekile kusebenzisa imo yeworkshop umz: izitulo njalo.
  • Sebenzisa ingxoxo yanabini, inteshukumo, isilinganisonesandi kunye nezinye ilwimi kancinane.
  • Nceda ugqithise icwecwe kumchongi.

IVESI ECULAYO

  • Khethani umhobe nakuyiphina incwadi eshicelelweyo.
  • Iqela malibe nabantu abalishumi nagaphezulu.
  • Akufuneki mbhexeshi. 
  • Nceda ugqithise ikopi kumchongi.